42 Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.
43 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?
44 “Wonke umntu othanda ukuzekelisa ngamaqhalo uya kuzekelisa ngeli qhalo xa athetha ngawe: ‘Ufuzo luyegqithisa.’
45 Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori.
46 Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom.
47 Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi.
48 Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.