45 Kaloku umfuzile unyoko, kuba yena wamdela umyeni wakhe kunye nabantwana bakhe; ukwangumgubo wengxowa enye noodade wenu abâthi bona babadela abayeni babo nabantwana babo. Unyoko wayengumHiti, uyihlo engumAmori.
46 Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom.
47 Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi.
48 Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.
49 “Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo.
50 Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo.
51 Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo.