46 Udade wenu omkhulu wayenguSamariya owayehlala ngentla kwakho neentombi zakhe; udade wenu omncinci, owayehlala ngezantsi kwakho neentombi zakhe, wayenguSodom.
47 Akwanelanga kukuhamba ekhondweni labo nokulinganisa amanyundululu abo, koko ubethe wegqitha kubo ngokwenza ububi.
48 Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, udade wenu uSodom akazenzanga izinto ozenzileyo wena neentombi zakho.
49 “Nali ityala lodade wenu uSodom: Yena neentombi zakhe bebeziphakamisile bengaswele nto, bengakhathalele mntu; babengeloncedo kwabangamahlwempu nakwabasweleyo.
50 Babezitsho, besenza amanyundululu phambi kwam. Ngoko ndabatshabalalisa njengoko nawe wabonayo.
51 Izono zikaSamariya azisiso nesiqingatha sezakho; amanyundululu owenzileyo angaphezu kwawabo, into etsho oodade wenu babe ngamalungisa xa bethelekiswa nawe ngezinto ezimbi ozenzileyo.
52 Lithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho baxoleleka oodade wenu. Ngenxa yokokuba izono zakho bezizibi ngaphezu kwezabo, baba ngathi banobulungisa obungaphezu kobakho. Ngoko ke yiba neentloni, ulithwale ihlazo lakho, kuba kaloku utsho oodade wenu banjengamalungisa.