57 kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo.
58 Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.
59 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.
60 Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli.
61 Uya kuthi ke uzikhumbule izenzo zakho, ube neentloni xa usamkela oodade wenu abakhulu kunawe nabancinane kunawe. Ndobanikela kuwe njengeentombi, naxa ndingayi kubabandakanya kumnqophiso wethu sobabini.
62 Ndiza kuwuzinzisa umnqophiso wam nawe, ukuze wazi ukuba ndinguNdikhoyo.
63 Xa ndikuxolela ngako konke okwenzileyo uya kukhumbula, zikuphathe iintloni, uze ungabuye uwuvule nokuwuvula oku umlomo ngenxa yokuthobeka kwakho, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”