3 Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.
4 Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.
5 “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.
6 Yanyalasa phakathi kweengonyama,kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;yafunda ukudlavuza amaxhobanokuwathi nqwam-nqwam amadoda.
7 Yangena ezililini zawo,yenza iziqwenga ezixekweni.Yaduma larhwaqela lonke ilizwekwanabo bangabemi balo.
8 Zayivukela izizwe,nabantu bemimandla esondeleyo;bayithiyela ngezabatha,yabhajiswa emgibeni wabo.
9 Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;beza nayo kukumkani waseBhabheli,yavalelwa entolongweni.Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.