1 Ngosuku lweshumi kwinyanga yesihlanu ngonyaka wesixhenxe, kweza kum iqela lamadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phambi kwam, eze kubuzisa *kuNdikhoyo.
2 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
3 “Mntundini, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Nize kubuzisa kum na? Ngokwenene ndiyafunga andiyi kunivumela nibuzise kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
4 “Mntundini, bagwebe! Ewe, bagwebe! Baxelele ngezenzo ezinezothe zooyise,
5 uthi kubo: Naku okuthethwa yiNgangalala uNdikhoyo: Mhla ndazinyulela uSirayeli, ndafunga ndamisa izibhozo phambi kwesizukulwana sendlu kaYakobi, ndaza ndazityhila kubo eJiputa. Ewe, ndamisa isibhozo, ndathi kubo: ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’