2 Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
3 “Mntundini, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Nize kubuzisa kum na? Ngokwenene ndiyafunga andiyi kunivumela nibuzise kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
4 “Mntundini, bagwebe! Ewe, bagwebe! Baxelele ngezenzo ezinezothe zooyise,
5 uthi kubo: Naku okuthethwa yiNgangalala uNdikhoyo: Mhla ndazinyulela uSirayeli, ndafunga ndamisa izibhozo phambi kwesizukulwana sendlu kaYakobi, ndaza ndazityhila kubo eJiputa. Ewe, ndamisa isibhozo, ndathi kubo: ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’
6 Ngaloo mhla ndafunga kubo ndathi ndiya kubakhupha eJiputa, ndibase kwilizwe endibafunele lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, elona lizwe lilibhongo emazweni.
7 Ndaza ndathi kubo: ‘Omnye nomnye kuni makahlukane *nemifanekiso enezothe esenizimisele kuyo, niyeke ukuzigqwalisa *ngezithixo zaseJiputa. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.’
8 “Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa.