3 uthi: Yivani izwi leNkosi uNdikhoyo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yokuba nathi: ‘Tshotsho!’ kwisibingelelo sam mhla saxajelwa, nakwilizwe lakwaSirayeli mhla labhukuqwa, nakwisizwe sakwaJuda mini sathinjwa,
4 ke mna ndiza kuninikezela kwisizwe sasempuma, nize nibe sezandleni zaso. Baya kumisa iikampu zabo, beme phakathi kwenu; baya kuzitya iziqhamo zenu, bawatye amasi eenkomo zenu.
5 IRabha ndiya kuyenza ibe lidlelo leenkamela; yona iAmon yoba ligquba leegusha. Xa kunjalo ke niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
6 Kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Naqhwaba izandla, nadyusha ngenxa yemincili, nalivuyelela izwe lakwaSirayeli.
7 Ngenxa yoko ndiza kusolula isandla sam, ndinenze nibe lixhoba leentlanga. Ndiya kuninqamla kwezinye izizwe, ubuzwe benu bufadalale. Ndiya kunibhubhisa nitsho nazi ukuba uNdikhoyo ndim.”
8 Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IMowabhi neSeyire zithi: ‘Jonga, indlu kaJuda ifana nezinye izizwe ngoku.’
9 Ngenxa yoko ndiza kuliyekela ngeentshaba ilizwe laseMowabhi, nditsho iqhayiya layo, izixeko zayo ezisemdeni, iBhete-yeshimoti, iBhali-meyon, neKiriyatayim.