10 “Ngako oko itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Wawumde kangangoko, uyivelele lee intshinyela yehlathi, wade wazingca ngobude bawo.
11 Ngenxa yoko ndawunikezela umlawuli wezizwe ukuba enze kuwo ngokwenkohlakalo yawo. Ndawushenxisa,
12 waza wagawulwa sesona sizwe sikhohlakeleyo kwezasemzini. Amasebe awo awela ezintabeni nasezintlanjeni; aphukela kuzo zonke iingxingwa zelizwe. Zonke izizwe zehlabathi zawushiya umthunzi wawo.
13 Zonke iintaka zahlala kuloo mthi uwileyo, nazo zonke izilo zabutha phakathi kwamasebe awo.
14 Ngako oko sokube kuphinde kubekho mthi ukhula ngasemanzini owongamela eminye imithi ngobude, uvelele intshinyela yehlathi. Akube kuphinde kubekho mthi ufunxa amanzi emhlabeni uya kuba mde ngolo hlobo. Yonke imelwe kukufa, itshone ngaphantsi komhlaba njengabantu bonke abatshona kwelabafileyo.
15 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Mhla watshona kwelabafilyo, imithombo ndayithi wambu ngokuwuzilela, ndayinqumamisa imilanjana yayo, aza amanzi ayeka ukunkcenkceza. Ngokunjalo iLebhanon ndayithi gqume ngobumnyama, yaza yonke imithi endle yabuna.
16 Izizwe ndazenza zangcangcazela zakuva isandi sokuwa kwawo xa ndandiwufaka engcwabeni kunye nabo bangena kwelabafileyo. Kwakuba njalo yonke imithi yaseIdeni, eyona-yona mithi yaseLebhanon, yonke imithi eyayimi phezu kwamanzi, yaxola ngaphantsi komhlaba.