14 Ngako oko sokube kuphinde kubekho mthi ukhula ngasemanzini owongamela eminye imithi ngobude, uvelele intshinyela yehlathi. Akube kuphinde kubekho mthi ufunxa amanzi emhlabeni uya kuba mde ngolo hlobo. Yonke imelwe kukufa, itshone ngaphantsi komhlaba njengabantu bonke abatshona kwelabafileyo.
15 “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Mhla watshona kwelabafilyo, imithombo ndayithi wambu ngokuwuzilela, ndayinqumamisa imilanjana yayo, aza amanzi ayeka ukunkcenkceza. Ngokunjalo iLebhanon ndayithi gqume ngobumnyama, yaza yonke imithi endle yabuna.
16 Izizwe ndazenza zangcangcazela zakuva isandi sokuwa kwawo xa ndandiwufaka engcwabeni kunye nabo bangena kwelabafileyo. Kwakuba njalo yonke imithi yaseIdeni, eyona-yona mithi yaseLebhanon, yonke imithi eyayimi phezu kwamanzi, yaxola ngaphantsi komhlaba.
17 Abo babephumla emthunzini wawo, izizwe ezingabancedisi bawo, nabo babengene engcwabeni kunye nawo, baya kuhlangana nâbo babefe ngekrele.
18 “Nguwuphi umthi kweyaseIdeni onokufaniswa nawe ngobuqaqawuli nobungangamsha? Kanti nawe, kumkani waseJiputa, uya kutshoniswa phantsi komhlaba kunye nemithi yaseIdeni; uya kulala phakathi kwabangalukanga, abo batyakatywe ngekrele.“Nditsho wena kumkani waseJiputa nezihlwele zakho zonke; ewe, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”