1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Mntundini, thetha nabantu bakuni uthi: Ndakuthumela ikrele elizweni, baze abantu balo bakhethe omnye wabo ukuba abe ngumlindi,
3 athi akubona ikrele lisiza kwenzakalisa isizwe asuke avuthele ixilongo ukulumkisa isizwe;
4 ke othe waliva ixilongo kodwa akahoya, laza lafika lona ikrele lamtyakatya wafa, ityala lelakhe.
5 Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.