12 “Ngoko ke, mntundini, yithi kubantu bakuni: ‘Ubulungisa bomntu olilungisa abuyi kumsindisa mhla wakreqa; nenkohlakalo yokhohlakeleyo ayiyi kumeyelisela xa athe wahlukana nayo. Nelungisa xa lithe lakreqa aliyi kuvunyelwa lidle ubomi.’
13 Ukuba ilungisa ndilixelele ukuba liya kudla ubomi, laza lakreqa kuba likholose ngobulungisa balo, bonke ubulungisa balo buya kulityalwa; liya kufa ngenxa yesono salo.
14 Ukuba ndithe kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza yena wazohlwaya, wenza okulungileyo –
15 waza wayibuyisa loo mpahla bekubanjiswe ngayo ngumboleki, wayibuyisa impahla ayibileyo, wenza ngokwemimiselo yobomi, wahlukana nobubi, ngokwenene akayi kufa, uya kudla ubomi.
16 Akukho nasinye isono sakhe esiya kukhunjulwa. Kaloku wenze okufanelekileyo nokulungileyo – inene, uya kudla ubomi.
17 “Kanti noko abantu bakuni bathi: ‘Indlela aqhuba ngayo uNdikhoyo ayinabulungisa.’ Ukanti yindlela yabo engalunganga.
18 Ukuba umntu olilungisa uyakreqa ebulungiseni, enze ububi, uya kufa ngenxa yezono zakhe.