12 Uya kuqonda ke ukuba mna Ndikhoyo ndizivile zonke izinyeliso zakho kwiintaba zakwaSirayeli. Uthe wena: ‘Zibhujisiwe zaza zanikelwa kuthi ukuba siziqwenge.’
13 Wandiqhayisela wathetha wadlulisa, mna ke ndakuva.
14 Itsho ke iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Xa umhlaba wonke uchulumanca, wena ndiya kukutshabalalisa.
15 Ngenxa yokuba wena wazala luvuyo mhla litshabalala ilifa lendlu kaSirayeli, nawe ndiza kukuvisa loo nto. Uza kutshabalala, ntaba yaseSeyire, wena ne-Edom iphela. Niya kutsho niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”