1 “Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo.
2 Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’
3 Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni,
4 ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane –