17 “Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo.
18 Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.
19 Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo.
20 Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’
21 Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.
22 “Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo.
23 Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.