23 Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
24 “Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu.
25 Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo.
26 Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.
27 Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.
28 Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
29 Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala.