35 Baya kuthetha bathi: ‘Lo mhlaba ubufudula uyinkangala, ngoku unjengomyezo waseIdeni; izixeko ebekufudula kusenxuweni zidilikile, ngoku zinqatyisiwe zimiwe.’
36 Ngoko ke amasalela eentlanga ezimelene nani aya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndiyivusile into ebidiliziwe, ndatyala apho bekusenkangala. Ndithethile mna Ndikhoyo, ndiya kuyenza loo nto.
37 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kwakhona ndiza kukuphulaphula ukubongoza kwendlu kaSirayeli, ndibenzele oku: Ndiya kubenza abantu bayo bande okweegusha,
38 babe baninzi okwemihlambi yedini eJerusalem ngomhla wesidlo esimiselweyo. Izixeko ebezidilikile ziya kuzala yintlaninge yabantu, ngathi yimihlambi yeegusha. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”