14 Ndiya kufaka uMoya wam kuni, ukuze niphile, ndize ndinibeke ezweni lenu. Niya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndithethile ndenza, utsho uNdikhoyo.’ ”
15 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
16 “Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’
17 Zidibanise zibe yintonga enye, zihlale zinjalo esandleni sakho.
18 “Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’
19 yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’
20 Babonise iintonga obhale kuzo,