15 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
16 “Mntundini, thatha intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘EkaJuda namaSirayeli avana naye.’ Uze uthathe enye intonga, ubhale la mazwi kuyo: ‘Intonga kaEfrayim eyekaJosefu nayo yonke indlu kaSirayeli evana naye.’
17 Zidibanise zibe yintonga enye, zihlale zinjalo esandleni sakho.
18 “Xa amawenu ekubuza esithi: ‘Akusichazeli na into ethethwa sesi senzo?’
19 yithi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuthatha intonga kaJosefu neyamaSirayeli avana naye esesandleni sikaEfrayim, ndiyidibanise nekaJuda, ndizenze zibe yintonga enye. Ziya kuba yintonga enye ke esandleni sam.’
20 Babonise iintonga obhale kuzo,
21 uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo.