10 Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo.
11 Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo.
12 Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”
13 Waza wathi uNdikhoyo: “Baya kwenjenjalo abantu bakwaSirayeli ukudla ukutya okungcolileyo xa bephakathi kweentlanga endiya kubasarhaza phakathi kwazo.”
14 Ndathi ke mna: “Makungabi njalo, Ngangalala Ndikhoyo! Mna andizange ndilenze isikizi elinje. Ebutsheni bam kude kube ngoku andizange ndiyitye inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa. Andizange ndayifaka kowam umlomo inyama engàtyiwayo.”
15 “Kulungile ke,” utshilo. “Ndiyavuma ukuba isonka sakho usigcade ngomlilo wamalongwe enkomo endaweni yamalongwe omntu.”
16 Waza wathi kum: “Mntundini, ndiza kukunqamla ukungena kokutya eJerusalem. Abantu baya kufumana umxhesho wokutya namanzi, bahlale exhaleni nasekumatshekeni.