7 Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli.
8 Mna ndiya kukubophelela ngeentsontelo, ukuze ungabi nako ukuguquka de ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.
9 “Thatha ingqolowa nerhasi, iimbotyi neelentile, imíleti nespeliti, uzigcine engqayini ukuze wenze ukutya ngazo. Uya kutya oku kutya ngeentsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba ulele ngecala.
10 Uze wenze umlinganiselo onganeno nje kwekota yekhilogram yokutya omawukutye ngosuku ngamaxesha amiselweyo.
11 Kwakhona uya kwenza umlinganiselo ongaphezulwana kwesiqingatha selitha yamanzi oya kuwasela ngamaxesha amiselweyo.
12 Oku kutya kugcade ngomlilo wamalongwe omntu, abantu bejongile, ukutye ngokungathi utya iqebengwana lerhasi.”
13 Waza wathi uNdikhoyo: “Baya kwenjenjalo abantu bakwaSirayeli ukudla ukutya okungcolileyo xa bephakathi kweentlanga endiya kubasarhaza phakathi kwazo.”