16 Phezu kwamagumbi aseludongeni kunye neendonga eziphongomileyo ngaphakathi kwesango kwakwakhiwe udongana olulungqameko luneendawo ezivulekileyo. Kwakunjalo nasevarandeni. Zonke iindawo ezivulekileyo zazijonge ngaphakathi. Iindonga eziphongomileyo bezihonjiswe ngesundu.
17 Le ndoda yandingenisa kwintendelezo yokuqala. Apho ke ndabona amagumbi nendlela egangathiweyo ejikeleze yonke intendelezo. Amagumbi ayayamene nendlela le ayengamashumi amathathu.
18 Le ndlela igangathiweyo yayihamba ithi ngqu emasangweni, ububanzi bayo bulingana nobude bawo. Le ke ibiyindlela esemazantsi.
19 Yalinganisa umgama ukusuka phakathi kwisango elingezantsi kuye kuthi gaa ngaphandle kwentendelezo engaphakathi; wawuziimitha ezimashumi mahlanu kwisango lasempumalanga ngokunjalo nakwelingentla.
20 Yaza yalinganisa ubude nobubanzi besango elijonge emantla nelingena kwintendelezo yokuqala.
21 Amagumbi aseludongeni, emathathu kwicala ngalinye, iindonga zawo, eziphongomileyo kwanevaranda yalo, zifana nqwa ngomlinganiselo neziya ndawo zesango lokuqala. Ubude bebuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
22 Iimbombo zalo nevaranda yalo nemihombiso yesundu zazilingana totse neziya zesango elijonge empumalanga. Amanqwanqwa alo asixhenxe ayejongene nevaranda.