24 Uya kuzinikela phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli basasaze ityuwa kuzo, zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo.
25 “Uya kugqiba iintsuku ezisixhenxe unikela ngenkunzi yebhokhwe ngelanga, ibe lidini lesono; uya kukhupha nenkunzi yenkomo eselula kwanenkunzi yebhokhwe emhlambini, zombini zingabi nasiphako.
26 Uya kuthatha iintsuku ezisixhenxe ucamagushela iqonga ulihlambulula; ngokwenjenje ke liya kuba liyanikezelwa.
27 Emva kwezi ntsuku, oko kukuthi ukusuka kusuku lwesibhozo, amadini atshiswayo neminikelo yobudlelane yenu iya kunikelwa ngababingeleli kweli qonga. Ngale ndlela ke niya kwamkeleka kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”