18 Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile.
19 Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.
20 “Mabangaziguguli iintloko, okanye baziyeke iinwele zabo zikhule zibe nde, kodwa ze baziphungule nje.
21 Makungabikho mbingeleli usela iwayini xa eza kungena kwinkundla engaphakathi.
22 Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.
23 Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.
24 “Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.