22 Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.
23 Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.
24 “Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.
25 “Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso.
26 Uya kulinda isixhenxe seentsuku emva kokuba ehlanjululwe.
27 Mhla wangena kwinkundla engaphakathi yesibingelelo kufuneka azenzele idini lesono, itsho iNkosi uNdikhoyo.
28 “Makube kuphela kwam ilifa lababingeleli. Mabanganikwa mhlaba ungowabo kwaSirayeli; ndim owabo.