24 “Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.
25 “Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso.
26 Uya kulinda isixhenxe seentsuku emva kokuba ehlanjululwe.
27 Mhla wangena kwinkundla engaphakathi yesibingelelo kufuneka azenzele idini lesono, itsho iNkosi uNdikhoyo.
28 “Makube kuphela kwam ilifa lababingeleli. Mabanganikwa mhlaba ungowabo kwaSirayeli; ndim owabo.
29 Baya kutya iminikelo yokutya, neyamadini esono, nawetyala; nayo yonke into kwaSirayeli eyinxaxheba kaNdikhoyo iya kuba yeyabo.
30 Ulibo oluphambili lolwabo, kwanazo zonke izipho zenu ezizodwa. Niya kubanika isabelo sokuqala somgubo wenu ukuze usikeleleke umzi wenu.