1 “Xa nisaba umhlaba olilifa niya kunikela *kuNdikhoyo isabelo somhlaba oyindawo yakhe eyodwa ube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezilishumi ububanzi; wonke ke lo mhlaba uya kuba ngumhlaba ongcwele.
2 Kuwo ke kuya kusikwa umhlaba omacala alinganayo. Icala ngalinye loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha, ubekelwe isibingelelo sikaThixo. Uya kujikelezwa ngumhlaba ophangaleleyo ongamashumi amabini anantlanu eemitha.
3 Kulo mhlaba uwodwa maze kusikwe isiqwenga esibude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu. Phakathi kuwo kuya kubakho isibingelelo sikaThixo esiyeyona ndawo ingcwele.
4 Siya kuba ngumhlaba owodwa osikelwe ababingeleli abakhonzayo endlwini kaThixo nabasondelayo ukuza kubingelela phambi kukaNdikhoyo. Ziya kwakhiwa apho izindlu zabo, ibe lapho nendawo eyodwa yokumisa isibingelelo.
5 Umhlaba obude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu, uya kuba sisahlulo sabaLevi abangabaququzeleli bendlu kaThixo, ube yindawo yabo yokwakha imizi yabo.
6 “Kobakho isixeko esiya kwahlulelwa umhlaba obubanzi bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha ubude neekhilomitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi oyamene nalowo mhlaba uwodwa. Uya kuba sisahlulo sendlu kaSirayeli iphela.