16 ‘Bonke abantu baya kuthatha inxaxheba kwesi sipho sisodwa esiya kusetyenziswa yinkosi kwaSirayeli.
17 Iya kuba luxanduva lwenkosi ukukhupha amadini atshiswayo, iminikelo yokutya, kwaneminikelo ethululwayo ngexesha lemisitho, nelokuthwasa kwenyanga, *neloMhla wokuPhumla, kuyo yonke imisitho yakwaSirayeli engummiselo. Iya kukhupha amadini esono natshiswayo, neminikelo yokutya, neyobudlelwane, ukungxengxezela indlu kaSirayeli.’
18 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngosuku lokuqala kwinyanga yokuqala nothatha inkunzi yenkomo eselula engenasiphako nihlambulule indlu kaThixo.
19 Umbingeleli wothatha inxalenye yegazi ledini lesono, alityikile emgubasini osemacaleni omnyango, kwiimbombo zone zomphetho ongentla weqonga lamadini, nasemigubasini ephahle isango lenkundla ephakathi.
20 Kuya kuphinda kwenziwe njalo ngosuku lwesixhenxe enyangeni, kusenzelwa lowo ungaba wone engaqondanga okanye ebangwa kukungazi; nendlu kaThixo yocanyagushelwa kwangolu hlobo.
21 “ ‘Ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yokuqala niza kuba nesikhumbuzo *sePasika, umsitho oya kuqhutywa isixhenxe seentsuku, ngalo lonke elo xesha nisitya isonka esinganyuswanga.
22 Ngaloo mini inkosi yesizwe iya kukhupha inkunzi yenkomo ibe lidini layo lesono kwanabo bonke abantu belizwe.