Uhezekile 45:2-8 XHO96

2 Kuwo ke kuya kusikwa umhlaba omacala alinganayo. Icala ngalinye loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha, ubekelwe isibingelelo sikaThixo. Uya kujikelezwa ngumhlaba ophangaleleyo ongamashumi amabini anantlanu eemitha.

3 Kulo mhlaba uwodwa maze kusikwe isiqwenga esibude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu. Phakathi kuwo kuya kubakho isibingelelo sikaThixo esiyeyona ndawo ingcwele.

4 Siya kuba ngumhlaba owodwa osikelwe ababingeleli abakhonzayo endlwini kaThixo nabasondelayo ukuza kubingelela phambi kukaNdikhoyo. Ziya kwakhiwa apho izindlu zabo, ibe lapho nendawo eyodwa yokumisa isibingelelo.

5 Umhlaba obude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu, uya kuba sisahlulo sabaLevi abangabaququzeleli bendlu kaThixo, ube yindawo yabo yokwakha imizi yabo.

6 “Kobakho isixeko esiya kwahlulelwa umhlaba obubanzi bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha ubude neekhilomitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi oyamene nalowo mhlaba uwodwa. Uya kuba sisahlulo sendlu kaSirayeli iphela.

7 “Inkosi yesizwe iya kwahlulelwa umhlaba omda wayame kumhlaba owodwa nakumhlaba wesixeko. Uya kunabela entshonalanga kwicala lasentshona, uze unabele empumalanga kwicala lasempuma, ubude bawo busuke kumda wasempuma buye kuthi xhaxhe kumda wasentshona, ulingane nomhlaba osikelwe izizwe ngazinye zakwaSirayeli.

8 Lo mhlaba ke uya kuba sisabelo sayo kwaSirayeli. Iinkosi eziphantsi kwam azisokube ziphinde zibacinezele abantu bam, koko ziya kuyivumela indlu kaSirayeli ibe nomhlaba wayo ngokwezizwe zayo.