7 “Xeshikweni nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli uthe wazikhwebula kum, waza waqulatha izithixo entliziyweni yakhe, wabeka nesikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, asuke aye kubuza ngam kumshumayeli, mna Ndikhoyo ndiya kumphendula ngokwam.
8 Ndoyichasa loo ndoda, ndiyenze umzekelo nondaba-mlonyeni. Ndiya kuyishenxisa ebantwini bam. Niya kuqonda ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo.
9 “Ukuba umshumayeli uthe walukuhlwa washumayela into engeyiyo, uya kuba ulahlekiswe ndim Ndikhoyo. Ke mna ndiya kusolula isandla sam, ndimtshabalalise angabikho phakathi kwabantu bam amaSirayeli.
10 Baya kusithwala isono sabo – isono somshumayeli siya kulingana nesalowo ebeze kubuzisa.
11 Xa kunjalo abantu bakwaSirayeli baya kukuyeka ukuphambuka ezindleleni zam, bahlukane nokuzityikila ngezikreqo zabo. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
12 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
13 “Mntundini, xa lithe ilizwe landona ngokungathembeki, ndaza ndalohlwaya ngokuvalela ukuba lingakufumani ukutya, ukuze abantu balo nezilwanyana zalo zife yindlala,