18 Abemi baselunxwemeni bayangcangcazela ngalo mhla wokuwa kwakho;abaseziqithini bayagubha ngenxa yokuwa kwakho.’ ”
19 Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Ndiya kukutshabalalisa ube linxuwa, kungabi sabakho bani uhlala kuwe; ndiya kukuntywilisela enzonzobileni yamanzi olwandle;
20 ndiya kukutshonisa emhadini, ndikuhlalise ekhayeni lamanyange. Ndiya kukwenza uhlale emathunjini omhlaba, nawe Tire ufane namanxuwa ezixeko zamandulo. Kwanjengazo awusoze ubuye uluxhamle udumo kumhlaba wabaphilayo.
21 Isiphelo sakho siya koyikeka, kuba uya kubhujiswa kuphele. Uya kufunwa, kodwa ungaze ufunyanwe, itsho iNkosi uNdikhoyo.”