17 Wasuka wangenwa likratshi ngenxa yobuhle;bade bonakala nobulumko bakho,ngenxa yokuziqhayisa ngobunzwakazi.Ndaza ke mna ndakubhuqa-bhuqa emhlabeni,ndakwenza intlekisa yeekumkani.
18 Uzixabhele izibingelelo zakho ngenkitha yezono zakhonokurhweba ngamaqhetseba.Ke mna ndakwenza wavutha,watsho waba luthuthu emhlabeni,kubukelwe ngababoneli.
19 Zonke izizwe ebezikwazi zikhwankqisiwe nguwe.Usuke wasisoyikiso;kaloku awusoze uphinde uvuke.”
20 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
21 “Mntundini, bhekisa kwiSidon, uyikhalimele
22 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Ndiyalwa nawe, Sidon.Udumo lwam ndolubonakalisa ngawe.Abantu baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyoxa ndiyohlwaya iSidon,ndibonisa ubungcwele bam ngayo.
23 Ndiya kuyithumela ngobhubhani,nditsho izitalato zayo zibaleke igazi;iya kuzala zizidumbu zabafe ngekrele,ikrele eliya kuvela macalana onke.Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.