4 ke othe waliva ixilongo kodwa akahoya, laza lafika lona ikrele lamtyakatya wafa, ityala lelakhe.
5 Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.
6 Kodwa ukuba uthe umlindi, elibona ikrele lisiza, akalivuthela ixilongo ukulumkisa abantu, laza ikrele lafika labulala omnye wabo, lowo uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe liya kuba lelomlindi.
7 “Mntundini, wena ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngoko phulaphula amazwi endiwathetha kuwe, uze ubalumkise.
8 Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Inene, uza kufa, sikhohlakalindini,’ uze wena ungathethi naye umnqande kubugwenxa bakhe, ade yena afele esonweni sakhe, ityala lokufa kwakhe ndiya kulibeka kuwe.
9 Kodwa ukuba umntu okhahlakeleyo umnqandile kubugwenxa bakhe, waza akakuva, uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa wena uya kuba ubuhlangule ekufeni ubomi bakho.
10 “Mntundini, xelela indlu kaSirayeli uthi: ‘Nina nithi: Iziphoso zethu nezono zethu zingumthwalo onzima phezu kwethu; siyangcungcutheka ngenxa yazo. Siya kuthini na ke ukuze sisinde?’