12 Ndiya kubenza abantu bam, amaSirayeli, banyathele phezu kwenu. Niya kuba ziintaba zabo, nibe lilifa labo. Anisoze niphinde nibahluthe abantwana babo.
13 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli ukuthi: Njengoko abantu besithi: ‘Uyabaqwenga abantu, isizwe usihluthe abantwana,’
14 ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
15 Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
16 Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
17 “Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo.
18 Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.