10 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.
11 Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.
12 Ndiya kuthimba ndityhuthule, ndithathe amaxhoba, ndonakalise kwezo zixeko bezifudula zingamanxuwa nabantu bazo abaqokelelwe ezizweni, abazizityebi ngemfuyo nangempahla, abahlala esizikithini selizwe.’
13 IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’
14 “Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto?
15 Uya kuphuma endaweni yakho kwelikude emantla, uhambe nentlaninge yezizwe, zonke zikhwele amahashe, ibandla elikhulu, umkhosi onamandla.
16 Uya kuhlasela abantu bam amaSirayeli okwelifu ligqume umhlaba. Kwimihla ezayo, Gogi, ndiya kukwenza uhlasele ilizwe lam, ukuze zazi izizwe ukuba ndingcwele xa ndizibonakalisa kuwe zijongile.