8 Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi.
9 Wena nomkhosi wakho uphela nentlaninge yezizwe niya kunyuka nivuthuza okwesiphango; niya kufana nelifu eligubungele umhlaba.
10 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.
11 Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.
12 Ndiya kuthimba ndityhuthule, ndithathe amaxhoba, ndonakalise kwezo zixeko bezifudula zingamanxuwa nabantu bazo abaqokelelwe ezizweni, abazizityebi ngemfuyo nangempahla, abahlala esizikithini selizwe.’
13 IShebha neDan nabarhwebi baseTashishe neelali zayo zonke baya kuthi kuwe: ‘Uze kuthimba na? Eli bandla uliqokelelele ukuza kutyhuthula na? Liza kumka nesiliva negolide nemfuyo nempahla jikelele ngokuyithimba?’
14 “Ngoko ke, mntundini, shumayela uthi kuGogi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mhla xa abantu bam amaSirayeli behleli bengalindele ngozi akuyi kuyiqaphela na loo nto?