1 Yaza ke le ndoda yandibuyisela kwisango elingaphandle lesibingelelo, eli lijonge empumalanga; lalivaliwe.
2 Wathi *uNdikhoyo kum: “Eli sango malihlale livaliwe. Lize lingavulwa; kungangeni mntu ngalo. Liza kuhlala livaliwe kuba uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo.
3 Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”
4 Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.