9 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Kwanele, zinkosi zakwaSirayeli! Yahlukanani nogonyamelo kwanengcinezelo, nenze ubulungisa nokulungileyo. Yekani ukuhlutha abantu umhlaba wabo,’ utsho uNdikhoyo iNgangalala.
10 ‘Ze nisebenzise imilinganiso eyiyo: iefa ngqo, nebhati ngqo.
11 Mazilingane iefa nebhati, ibhati ibe sisishumi sehomere, ne-efa ibe sisishumi sehomere; ihomere mayibe ngumlinganiso omiselweyo wazo zombini.
12 Ishekele mayibe ngangamashumi amabini eegera. Amashumi amathandathu eeshekele edibene enza imina enye.’ ”
13 “ ‘Nangu umnikelo owodwa emaniwenze: isinye esithandathwini se-efaIefa ibisetyenziswa ukulinganisa ukutya okuziinkozo. Imalunga neelitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kwihomereIhomere ibisetyenziswa ukulinganisa ukutya okuziinkozo. Imalunga neelitha ezilikhulu elinamashumi asixhenxe anantlanu nganye yengqolowa, nesinye esithathwini se-efa kwihomere nganye yehabile.
14 Umlinganiselo omiselweyo wamafutha, ngokomlinganiso webhati sisishumi seebhati kwikore nganye (emlinganiso wayo lishumi leebhati okanye ihomere enye, kuba ishumi leebhati lilingana nehomere).
15 Kwakhona makuthatyathwe igusha ibe nye kumhlambi wamakhulu amabini odla kumadlelo aluhlaza akwaSirayeli. Zona ke zosetyenziswa neminikelo yokutya, amadini atshiswayo, neminikelo yobudlelwane yokungxengxezela abantu,’ itsho iNgangalala uNdikhoyo.