17 Khanifunde ukwenza okusesikweni;zonke izinto zenzeni ngokomthetho.Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;kanti neenkedama zilungiseleleni;ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.”
18 Ewe, uNdikhoyo uthi:“Yizani, khe sithetha-thethane.Noba sewudyobheke wankone sisono,mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
19 Ukuba niyavuma ukundithobela,ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
20 Kambe ke xa ningafuni, nindivukela,niza kusuka nibe lixhoba lekrele.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
21 Ewe, kambe, sixekondini!Kade uyinzwakazi ngesimo,kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke.Wawufudul' uphuphuma lucwangco;ngenene wawulikhaya lamalungisa;ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.
22 Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva,kodwa ngoku sewuphuthile.Wawufana newayini eyondeleleneyo,kambe namhlanje sewungumngxengwa.
23 Iziphathamandla zakho zizibhoja,abafo abalala ngangubo-nye namatutu.Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo;abaziinkedama abanaxesha labo,kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.