Uisaya 40 XHO96

Iindaba zovuyo

1 “Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam,”utsho kaloku uThixo wenu.

2 “Thethani kakuhle neJerusalem;dandulukani niyixelele ukuba umzabalazo wayo ufezekile.Kaloku izono zayo zixolelwe;*uNdikhoyo uyibonelele ngaphezu kunobugwenxa bayo.”

3 Nâlo ilizwi lidanduluka lisithi:“UNdikhoyo mhlahleleni indlela entlango;uThixo wethu mgeceleni uhola kwelibharhileyo.

4 Zonke izigingqi mazidityelelwe,iintaba neenduli zidilizwe zibe ngamathafa,ke zona izixhobo zigqalwe zibe ziintili,amageduka aletyelwe abe zizithabazi.

5 Ke ubungangamsha bukaNdikhoyo buya kutyhileka,lonke uluntu lububone.Kaloku lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

6 Ndeva ilizwi lisithi:“Suka udanduluke uthethe.”Ndibuze ndathi: “Ndithethe ndithini na?”“Yithi: ‘Bonke abantu banjengengca;ubomi babo bulingana nobeentyatyambo.

7 Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyamboyakubethwa ngumoya kaNdikhoyo.Ngenene uluntu nqwa nengca.

8 Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.’ ”

9 Phakama unyukele entabeni, wena Ziyon,sigidimi seendaba ezimnandi.Danduluka umemeze, wena Jerusalem,mvakalisi weendaba ezimnandi.Sukoyika, danduluka umemeze.Yithi kwiidolophu zelakwaJuda:“Nanko ke uThixo wenu.”

10 Kaloku iNkosi uNdikhoyo iza ngokomelela;iya kutsho ngolawulo olungqongqo.Kananjalo iphethe neziqhamo zomsebenzi wayo;ewe, ihamba nebuyambo lemigudu yayo.

11 Yona njengomalusi iyawulondoloza umhlambi;amatakane iwaqokelela iwafunqule,ke zona ezanyisayo izithundeze.

12 Ngubani okhe alinganise amanzi ngethende lesandla,okanye olinganisa isibhakabhaka ngesandla?Mlinganiselo mni ongavalela uthuli lomhlaba,isisiphi isikali sokulinganisa iinduli neentaba?

13 Ngubani ongaze amazi ncam uNdikhoyo,ingubani khona omcebisayo?

14 Kakade uThixo lo ubhenela kubani,ingubani ongamfundisa okusesikweni?Ngubani ke omphokozela ulwazi,aze ambonise indlela yobulumko?

15 Ngenene izizwe zifana nethontsi lamanzi ethungeni,nqwa nothuli azivakali nasesikalini;neziqithi ngokukwanjalo.

16 Amahlathi aseLebhanon akawanele umlilo,neenyamakazi zakhona azilanele idini elitshiswayo.

17 Izizwe zonke azinto kuThixo;yena akazazele nto konke-konke.

18 Angalinganiswa nabani na uThixo?Khona, angafanekiswa nantoni?

19 Akafani nomfanekiso oqingqwa yingcibi,uze utyatyekwe ngegolide ngumnyibilikisi,uhonjiswe ngamakhonkco esiliva.

20 Ihlwempu elingenasiliva nagolidelithatha umthi ongàdliwayo yimpehla,lifune ichule lomchweli,lona loqingqa umfanekiso ongashukumiyo.

21 Ngaba anazi na?Ngaba zange nive na?Zange nixelelwe na kwamandulo?Anikuqaphelanga ukusekwa kwehlabathi?

22 Kaloku ladalwa ngulo ungqendeve esihlalweniemajukujukwini ngaphaya kwesibhakabhaka;kuye uluntu olu lunjengentothoviyane.Ngumtwabululi-sibhakabhaka njengomkhusane,asaneke njengentente yokuhlala.

23 Iinkosi uzitsho zigqush' eluthulini,izithwala-ndwe azivuthulule zingabi nto yanto.

24 Zithi zingekatyalwa nokutyalwa,ewe, zingekamili nokumila oku,suka azibhudle ngomoya zibune,isaqhwithi simke nazo njengomququ.

25 “Ngubani ke eningandilinganisa naye,ingubani endingade ndifane naye?”Uyabuza uThixo onguYedwa.

26 Khawujonge phezulu esibhakabhakeni;zidalwe ngubani ezi zinto?Lo uzikhokela njengomkhosi iinkwenkweziyena uyalazi nenani lazo.Uzibiza ngamagama zonke ngazinye;ewe, akanganganto amandla akhe,ngoko akunakulahleka nob' ibe nye.

27 Ngani ke, Yakobi, ukuba ukhalaze,nditsho wena, Sirayeli, ukuba uthi:“UNdikhoyo akabuqondi ubume bam;uThixo wam akandazeleleli nganto”?

28 Kanti ngaba awazi na?Ngaba zange uve na?UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;yena ngumdali wehlabathi jikelele.Yena soze adinwe atyhafe,nengqiqo yakhe ayiphengululeki.

29 Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,umomelezi wâbo bangenamandla.

30 Kanti ke nolutsha luyadinwa lutyhafe,abafana bakhubeke bawe,

31 kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.Bosuka bantinge baxel' ukhozi;noba sebebaleka, soze badinwe;ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.