Uisaya 5 XHO96

Ingoma engesidiliya

1 Makhe ndintyiloze ndivum' ingoma,ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe.Ugxa wam wayenesidiliyakwinduli echuma kunene.

2 Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye,waza watyala idiliya yodidi.Kwalapho wakha nemboniselo;ngokunjalo wenza nesixovulelo.Waza ke wanqumama ekholosile;suka ke zona iidiliya zavela zingezizo.

3 “Athi ke, nina bemi baseJerusalem,ngokunjalo nani, bantu bakwaJuda!Ndiyanibongoza, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.

4 Ngaba yintoni endingasenzelanga yona?Yiyiphi enye into engendisenzele yona?Ngaba uphi undonakele?Kaloku mna ndithe ndijonge iidiliya,suka sona savelisa ezingezizo.

5 Phulaphulani ke, mna ndinixelele,nantsi into endiya kusenza yona:ndoyisusa loo nto ndisibiyele ngayo,sitsho sibe sisisulu sokubhuqwa;ndiya kuzidiliza iindonga ezisibiyeleyo,imidiliya ibe sisisulu sokunyathelwa.

6 Ndosiyeka nje, side sibe lifusi;isidiliya singàthenwa, singàhlakulwa,sikhule utshungu nenkunzane.Namafu ngokwawo ndowagunyazisaukuze angasiphatheli namvula.”

7 Isidiliya *sikaNdikhoyo onamandla onke yindlu kaSirayeli;ewe, esi sidiliya ngamaJuda, wona angumyezo oligugu lakhe.Yena walindela okusemthethweni kuwo,suka wona ee dyubhu ngobutyadidi begazi!Wayelindele ubulungisa kuwo,suka yasisijwili sokuzibika!

Isohlwayo ngenxa yobundlobongela

8 Kunyembelekile ke kuni,kuba nithatha imizi ninemizi.Nongeza amasimi, ninawo amasimi,nifunzel' ukugqiba konke tu,ibe nini nodwa abemi kweli lizwe.

9 Ndimvile *uNdikhoyo onamandla onke;ewe, ufunge wathi:“Ngenene la mapomakazi ezindlu ndowatsho akhal' ibhungane,neenzwakazi zemizi zoba ngamanxuwa.

10 Kwisidiliya esiziindima ezilishumikuya kuphuma umphanda wewayini kuphela,ize yona imbewu ezele ingoboziivelise isitya sengqolowa kuphela.”

11 Yeha! Kunyembelekile kuni,nina bavuka ekuseni,nisukelana notywala kube njeya;nina bajikeleza kude kube sebusuku,nide nibe zizinxada-nxada kukunxila!

12 Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;uNdikhoyo yena animkhathalele,nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.

13 Ngenxa yokuba bengaqiqiabantu bam baza kuthinjwa.Oomaqhuzu babo bofa yindlala,ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.

14 Ngoko ke elabafileyo libalambele;ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!

15 Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa;abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.

16 Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onkeuphakanyiswa bubulungisa bakhe;ewe, yena uThixo onguYedwawozicacisa ngobulungisa bakhe.

17 Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo,nawebhokhwe atsho afumane idlelo.

18 Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka,abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,

19 abo bathi: “UThixo makakhawulezise;makangxame enze sibone kaloku.Masifike isicwangciso sikaYedwa kaSirayeli,ukuze nathi sibe nokusiqonda.”

20 Kulusizi kwabathi ububi kokuhle,nakwabo bathi okuhle bububi;nditsho abathi ubumnyama kukukhanya,bajike bathi ukukhanya bubumnyama.Bona ekrakrayo bathi imnandi,ukanti emnandi bathi iyakrakra.

21 Kunyembelekile kwabo bazicingela ukuba bazizilumko;nditsho abo bazicingela ukuba bandwebile.

22 Yeha ke nina, makroti asetywaleni,nina bangamachule okuxuba utywala;

23 nditsho nina bamkhululayo onetyala,ngenxa yokuba nifumene isicengo,nina babugqwethayo ubulungisa komsulwa!

24 Ngoko ke niya kufana nomququ,wona ulencwayo lidangatye;nani niya kuba njengengca,yona ishwatyaniswayo ngumlilo.Niya kusuka nibole iingcambu;intyatyambo yenu iya kuvuthuluka.Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke,nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.

25 Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe;wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe!Ke zona iintaba zonyikima,izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni.Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo;ewe, akajiki, uyalekuza.

26 UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude;uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi.Nâso ke sisiza sigxalathelana!

27 Amajoni aso akakhubeki, engadinwa;wona akozeli, akalali nokulala.Ezawo iibhanti azikhululeki,nemitya yeembadada zawo ayiqhawuki.

28 Iintolo zawo azibukhali, ziingcangula;ewe, ziinto ezihlala zityedile.Iimpuphu zamahashe – nyengane yakwabani!Ke wona amavili eenqwelo sisitshu.

29 Ziinto ezivungama okwengonyama;ewe, umgqumo wazo ngathi yingonyama entsha.Zigragrama zilithi xhwii ixhoba lazo,zilithi xhakamfu kungabikho unokulamla.

30 Ngaloo mini ke zibhavumla phezu kwalo,zitsho ngomgqumo ngathi lulwandle.Wothi wakukrwaqula ke kulo mhlabaufike uyinkxwaleko nembonde-mbonde,ukukhanya kuginywe bubumnyama bamafu.