Uisaya 44 XHO96

UNdikhoyo kuphela koThixo

1 “Phulaphula, Yakobi sicaka sam,wena Sirayeli endimnyulileyo,

2 uthi *uNdikhoyo, umenzi wakhoowakubumba esizalweni,yena owahlala ekunceda:Ungabi naxhala, Yakobi sicaka sam;ungumnyulwa wam endimthandayo.

3 Ndowuphokozel' amanzi umhlaba onxaniweyo,kuqukuqele imilambo enkangala,inzala yakho ndiyithululele uMoya wam,intsikelelo yam ifukame phezu kwayo.

4 Iya kuhluma njengengca eludadeni,njengemingcunube phezu komlambo.

5 Uthile wothi: ‘NdingokaNdikhoyo;’omnye azibandakanye nendlu kaYakobi;wumbi agximfizwe ‘Ndikhoyo’ esandleni,naye azibize ngokuba ngumSirayeli.”

6 UNdikhoyo uKumkani kaSirayeli noMkhululi wakhe,nditsho uSomandla-onke, uthi:“Ndingowokuqala;ndikwangowokugqibela;akukho Thixo wumbi ngaphandle kwam.

7 Kakade ngubani onjengam? Makavele!Makakuvakalise kaloku okwênzekáyookoko ndamisela abantu bam mandulo.Makazixele iziganeko ezizayo;ewe, makazixele!

8 Sanukuphakuzela, musan' ukuxhalaba;kaloku ndatsho kwamandulo, unangoku ke.Kambe nina ningamangqina am.Ngaba kukho Thixo wumbi na?Ngaba likho na elinye iXhadi?Unotshe! Mna andizange ndilibone.”

Imifanekiso eqingqiweyo yimfeketho

9 Akanto yanto umntu oqingqa *umfanekiso; naloo mfanekiso azidla ngawo yimfeketho. Abo bayithelelayo ziimfama; abaliqondi ihlazo labo.

10 Kunceda ntoni ukuqingqa umfanekiso uwenze *uthixo?

11 Wonke umntu owenza loo nto uhlazekile. Andithi na kaloku le mifanekiso iqingqwa ngabantu? Mabeze enkundleni kaloku, uya kubona bosuka barhwaqele – abakho lihlazo.

12 Umkhandi uthatha ubhedu, alusebenze ngomlilo. Ngezo zigalo zakhe uthatha isando, alukhande elulungisa. Esasebenza njalo uyanxanwa, uyalamba, uyadinwa, yonke loo nto.

13 Kanti ke umchweli uyawulinganisa umthi. Uzoba loo nto afuna ukuyenza ngetshokhwe; usebenzisa izixhobo zakhe ewukrola, aze ke akhuphe into efana nomntu (inzwana yomfo) ayithathe ayifake endlwini.

14 Ehlathini phaya uthatha nawuphi na umthi; ingangumsedare, um-oki, okanye ipayini. Kanti usengatyala nawuphi na umthi, awulinde ukhuliswe yimvula.

15 Inxalenye yomthi umntu uyayithatha abase enze umlilo, aze kwangaloo mthi enze umfanekiso awunqule. Ewe, wotha umlilo awubase ngomthi; aze kwalapho apheke isonka atye; kanti ngenxalenye yaloo mthi uza kwenza umfanekiso, awunqule esithi nguthixo.

16 Kwangaloo mthi uyabasa, ose inyama, atye ade adikwe. Ewe, wotha umlilo ade ancome athi: “Kutsho kwamnandi; kufudumele.”

17 Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”

18 Abantu abanjalo ke zizititsi ezingayaziyo into eziyenzayo. Amehlo nengqondo yabo ivaleke mba; abayazi inyaniso.

19 Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”

20 Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.

UNdikhoyo nguMdali noMkhululi

21 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;ndaye ke andisoze ndikulibale.

22 Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;isono sakho sithe shwaka okwenkungu.Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”

23 Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.

24 UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha;yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi:“NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke;ndim owawatwabululayo amazulu,ikwandim owawolulayo umhlaba;ewe, zange ndincedwe bani.

25 Mna ndizitsho zibhanxeke izanuse,ndidlale ngabo ke oosiyazi;ubuciko bezilumko ndiyabutshitshisa,butsho budule ubutyhakala bazo.

26 Ndiyaluphumelelisa udaba lwezicaka zam,ndizifezekise izihlabo zabathunywa bam.IJerusalem ndithi isaza kumiwa,iidolophu zakwaJuda zibuye zakhiwe,kuvuke izixeko kuloo mabhodlo.

27 Mna ndithetha ngezwi kuphelaneelwandle zitsho zome khonkqo.

28 Ke kuKoreshi ndithi:‘Nguwe oza kundalusela;nguwe oza kufezekisa icebo lam.Wena uya kuyalela uthi:“Mayakhiwe iJerusalem.”Malunga nendlu kaThixo uya kuthi:“Mazimiswe iziseko zayo.” ’ ”