Uisaya 49 XHO96

Ukhanyiso lwezizwe

1 I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude!Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni!*UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga;ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.

2 Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele;ewe, yena wandifumbatha ngesandla,wandicikiza ngathi uhombisa utolo,wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.

3 Ke yena wathetha nam, wathi:“Wena usisicaka sam, Sirayeli;ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”

4 Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize;umzabalazo wam ungamampunge.Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo;nguThixo wam oya kundibuyekeza.”

5 UNdikhoyo owandibumba esizalweni,wandenza isicaka sakhe,ukuze ndibuyisele uYakobi kuye,ndiphuthume uSirayeli owabhacayo.Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo;amandla am ampompoza kuThixo wam.

6 UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi,uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo,koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga,ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”

7 UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,lowo unguMkhululi wakhe,uthi kulowo udelwe mpela-mpela,nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe,lowo usisicaka seziphathamandla:“Izikumkani ziya kukubona;ewe, ziya kuphakama zikhahlele,namatshawe aya kuvova ee guqaqa!”Yonke loo nto ke iza kwenzekakuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe,nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.

Abasayi kunxanwa balambe

8 *UNdikhoyo uthi:“Ayeza amathuba akholekileyo,imihla yokusindiswa.Ke mna ndiya kukusiza,ndisabele ndakuva uzibika.Ndiya kukwalúsa ndikukhusele,ngawe ndenze umnqophiso nabantu.Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe,ndilabe eliyinkangala libe lilifa,

9 amabanjwa uwathethele uthi:‘Yinkululeko; khululekani;’uthi kwabo basebumnyameni:‘Phumani, nize ekukhanyeni.’“Bona baya kutya ngasezindleleninjengeegusha ezitya ezindulini.

10 Abayi kubuya balambe banxanwe;ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa.Baya kwaluswa ngulowo unovelwano,abakhokelele kwimithombo empompozayo.

11 Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola,abantu bam ndibahlahlel' indlela.

12 Bona bothi gqi kwelikude –nditsho kwelasentla nasentshonalanga –bophum' eSinim kwelasezantsi.”

13 Memelelani ngovuyo, nina mazulu;yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba;hlokomani nivume, nina zintaba!Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe;uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.

14 Ke yena uZiyon uthi:“Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele;iNkosi isuke yandilibala.”

15 Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?Noba ke yena angade amlibale,okokwam ke mna soze ndikufulathele,

16 kuba igama lakho ndilivambile,ndilithe tyaba esandleni sam;iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.

17 Bayeza oonyana bakho;baza kuphinda bakuvuse;abakutshabalalisayo bayemka.

18 Khawulaqaze uqwalasele:nâbo oonyana bakho bexhontelana;nâbo bebuya begxalathelana.Ndiyafunga mna Thixo ophilayo,nawe wozingca ngoonyana bakho,uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.

19 “Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha,kodwa ngoku loba lincinane kunabo,lingabalingani abo babuyela kulo;abo balibhukuqayo boba sebekude.

20 Abantwana obazalele ekuxhwalekeningeny' imini baya kuthi kuwe:‘Lo mhlaba mncinane gqitha;sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’

21 Uya kwandula ke uthi:‘Ndibathathe phi abantwana abangaka?Ndandingaphathi, ndiludlolo;kaloku ndathinjwa ndagxothwa.Kambe ke bakhuliswe ngubani aba?Mna ndasala ndiyimpula kalujaca,ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”

22 UMhlekazi uNdikhoyo uthi:“Ndiya kuzikhweba iintlanga,ndiziphakamisele imbasa yam izizwe,zitsho zize nalo usapho lwakho,zibabeleke oonyana bakho,zizifunqule iintombi zakho.

23 Ookumkani boba ngabondli bakho,ookumkanikazi babe ziineni zakho;bothi vovololo, benik' imbeko kuwe,borhuqa phantsi ngentlonipho,utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo,soze badane abo bathembela ngam.”

24 Ungalohlutha na ixhoba lejoni?Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?

25 Kambe yena uNdikhoyo uthi:“Yiloo nto kanye eza kwenzeka:amaxhoba othathwa kumajoni,abathinjwa bakhululwe kubathimbi.Baxabene nam abo balwa nawe;usapho lwakho lona ndiluhlangule.

26 Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane;boqumba babe ngoomnqay' ulambile,noluntu lonke lutsho lundiqondeukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo,mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”