Uisaya 17 XHO96

Udaba mayela neDamasko noSirayeli

1 Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neDamasko:“Ke yona iDamasko ayisayi kuba sisixeko,yosuka ibe ziingqumba zamabhodlo.

2 Izixeko zaseArohere zosala zize;kuphela zosala zilidlelo lempahla,futhi kungekho namntu uyiphazamisayo.

3 KwaSirayeli zophela izixeko ezinqatyisiweyo,ke bona ubukumkani baseDamaskongokunjalo namasalela aseSiriyaoba yinto yezolo, ngathi ludumo lwamaSirayeli,”utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke.

4 “Ngaloo mihla ubungangamsha bukaYakobi buya kuphutha,ukutyeba kwakhe kutsho kutsame.

5 USirayeli woba ngathi yintsimi engqolowa isikwayo;kwaSirayeli kuya kubharha kube sedizeni –wofana namasimi entili yaseRefayim.

6 Kambe aya kuba khona amasalela.Kuya kuba ngathi ngumnquma obhululweyokwasala mabini mathathu phezulu,mhlawumbi isine nesihlanu kwahlanzayo,”utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

7 Ngaloo mihla ke abantu baya kubhenela kuMdali wabo,bakhangele kulowo unguYedwa kaSirayeli.

8 Abayi kuba saqamela ngamaqonga lawo bawakhe ngezandla zabo,bengayi kuba sathembela kowabo umsebenzi –imiqondiso yesithixokazi uAsherakunye namaqonga okuqhumisa.

9 Ngelo thuba izixeko ezikhuselweyo ziya kusala zize, zingamabhodlo akhula imithi namatyholo, ngokungathi zizixeko ezahlaselwa ngamaSirayeli.

10 Kaloku, wena Sirayeli, umfulathele uThixo,yena odla ngokukuhlangula;umlibele uThixo ongumqolomba wakho;usuke watyala imiyezo eyodwa,khon' ukuze unqule thixo bambi.

11 Kanti noba ingantshula idubulekwangaloo ntsasa ubuyityala ngayo,liya kubhek' umoya ngasesivunweni –kuphela yoba yinkxwaleko nezifo ezingaphele ndawo.

Ukoyiswa kwezizwe

12 Ke zona izizwe ziyabhabhama,zitsho ngogqumo ngathi kukuyaluzela kolwandle;ewe, uluntu luyaxokozela okwamanz' olwandle.

13 Izizwe zingade zibe ziyabhonga,zityhuluba okwamanz' olwandle,yena ukhalima kanye, zitsho zisabe;ziphephetheka ngathi luthuli endulini,ngathi yinkunkum' ibalek' isaqhwithi.

14 Ngorhatya bahlasela kutsho kunyembeleke,kanti kusasa abaziwa nomkhondo.Banjalo ke abo basixhaphazayo;eso sisabelo sâbo bazithathelayo.