1 Intlango nomqwebedu ziya kuchulumacha;elibharhileyo loba nemihlali liqhakraze njengentyatyambo.
2 Intlango yomemelela idlokove luvuyo;yoba yinzwakazi enjengeentaba zaseLebhanon,yochuma njengamasimi aseKarmele naseSharon.Bonke bobubona ubungangamsha *bukaNdikhoyo,bucace ubuhandiba nokomelela koThixo wethu.
3 Izandla ezinomkhinkqi mazomelele,namadolo anengevane atsho adlamke.
4 Thetha namagwala, uthi:“Qinani, ningabi nentaka!Kaloku uyeza uThixo wenu;uza epheth' impindezelo.Nank' egush' imbuyekezo;ewe, uza kunihlangula.”
5 Kaloku ke kobona nemfama le yembala,zitsho zivuleke neendlebe zesithulu,
6 nesiqhwala sidlobe sitsiba-tsibe okwempunzi;nezimumu zomemelela ngemihlali.Kaloku kompompoza amanzi nasentlango,kugqabhuke imilambo nakwelibharhileyo.
7 Intlabathi evuthayo yojika ibe lichibi,umhlab' okhothekileyo uphanjwe yimithombo.Asisathethi ke ngeendawo zikadyakalashe,kuba zona zoba yimigxobhozo yemizi neengcongolo.
8 Apho ke kothi tyaba uhola;leyo ke kothiwa yindlela yobungcweleekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.
9 Kuyo soze kubekho ngonyama,ingasoze ihanjwe narhamncwa;kuphela ngabakhululwe nguNdikhoyoabaya kudakasa kuloo ndlela.
10 Abasindisiweyo nguNdikhoyo bobuyela eZiyon benemihlali,bengqungqa bememelela ngochulumacho.Soze babe sazana neentsizi nenkxwaleko;boxhamla ulonwabo naphakade.