Uisaya 43 XHO96

UThixo uthembisa ukukhulula abantu bakhe

1 Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.

2 Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;noba sowuwela imilambo,ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;amadangatye akanakukutshisa wena.

3 Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;iKushe neSebha zothath' indawo yakho.

4 Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!Ndincam' izizwe ngenxa yakho;ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

5 Uze ungaxhali, ndinawe mna;inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,nina ndiniphuthume nasentshonalanga.

6 Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’Oonyana bam babuyise kwelikude,neentombi zam eziphelweni zehlabathi,

7 nditsho wonke umntu obizwa ngegama lam,wonke endamdalela udumo lwam,wonke endambumbayo ndamenza.”

8 Yiza nâbo bantu bangaboniyo benamehlo,uze nâbo bangaphulaphuliyo beneendlebe.

9 Zibizeni zonke izizwe;mazihlanganisane iintlanga.*Koothixo bazo nguwuphi owayixelayo le nto yenzekayo namhlanje,wasazisa nangezinto ezenzeke mandulo?Ewe, mazize nawazo amangqina,khon' ukuze abevayo bathi: “Axel' inyaniso.”

10 “Ke nina ningamangqina am,” utsho uNdikhoyo,“izicaka zam endazinyulayo,ukuze nindazi nikholose ngam,niqonde ukuba ndinguye endinguye.Ngaphambi kwam akukhange kubekho thixo;ewe, yaye engasoze abekho.

11 Mna ndim uNdikhoyo,ndim ndedwa ohlangulayo.

12 Mna andingothixo wasemzini kuni.Kaloku ndaxela, ndahlangula, ndavakalisa.Nina ngokwenu ningamangqina am ukuba ndinguThixo,”utsho uNdikhoyo.

13 “Ewe, bendingokhoyo kwamandulo;akukho kuphuncuka esandleni sam;endikwenzayo akujikwa mntu.”

UThixo uvelisa into entsha

14 *UNdikhoyo uMkhululi wenu,yena uYedwa kaSirayeli, uthi:“Ngenxa yenu ndothumela eBhabheli,atsho amaKaledi asabe ngezo nqanawa zawo zeqhayiya.

15 Mna ndinguNdikhoyo, uYedwa wenu,uMdali noKumkani wakho, Sirayeli.”

16 Utsho uNdikhoyo,umavul' indlela enqumla elwandle,nditsho indlela ecanda kumsinga olephuzayo;

17 umkhosi wamagorha wawurholela enzonzobileni,uwonke nje iinqwelo namahashe;wafadalala, soze uphinde uthini,wafuthaniselwa mpela njengekhandlela:

18 “Kambe ke sanukubambelela kwisiganeko sezolo;hayi bo, sanukunokoza ezamandulo.

19 Khangelani ke, ngoku ndenza entsha;ewe, seyisenzeka, nani niyayibona.Ndiza kuvul' indlela enkangala,kutsho kuqukuqele imilambo entlango.

20 Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela,oodyakalashe neenciniba zindincome,xa sendimpompozis' amanz' entlango,kubalek' imilambo enkangala,khon' ukuze lusel' usapho lwam,nditsho usapho olukhethiweyo,

21 bantu abo ke ndazidalelayo,khon' ukuze bandidumise.”

Isono sikaSirayeli

22 *UNdikhoyo uthi:“Suka ke wena, Yakobi, akwandinqula;ewe, suka akwaziduba ngam, wena Sirayeli.

23 Akuwenzelanga mna amadini atshiswayo;ewe, akundiwonganga ngeminikelo.Phofu akuxhanyulwanga ndim ngamadini;andikukhathazanga nangaziqhumiso.

24 Akundenzelanga siqhumiso sivumba limnandi,ungandanelisanga nangamanqatha ezilwanyana;suka wandisinda ngezono zakho,wandikruqula ngemikhuba oyenzayo.

25 “Ukanti mna ndim ozisusayo izono zakho.Ndenjenjalo ngenxa yesidima sam;ukundivukela kwakho sobe ndibe sakukhumbula.

26 Yiza ke undimangalele;yiza kaloku sixoxe,ukuze kucace onetyala.

27 Kaloku ukhokho wenu wôna,neenkokheli zenu zandivukela.

28 Mna ndozihlazisa izithwala-ndwe zesibingelelo senu,ngoko ke uYakobi ndomzisela intshabalalo;ewe, amaSirayeli ndiwayekele abe sisigculelo.”