Uisaya 9 XHO96

Ukumkani ozayo

1 Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.

2 Abantu ababemfamza ebumnyameningoku bakufumene ukukhanya;kwabo babehamba ebumnyamenikubo uthe qheke umsobomvu.

3 Wena usandisile isizwe sakho,usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.

4 Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.

5 Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.

6 Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;kaloku thina silizwe ngonyana.Nguye ke oya kulawula.Ke yena wothiywa igama kuthiwenguMcebisi omangalisayo,uThixo oligorha,uSonini-nanini,iTshawe loxolo.

7 Yena uya kuba yingangalala,into embuso uluxolo olungaphele ndawo.Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,uxhathise ngomthetho nangobulungisa,ukusukela ngoku kude kube nini-nini.*UNdikhoyo onekhwele,nditsho uSomandla-onke,nguye oya kuyenza loo nto!

UNdikhoyo uyalwa noSirayeli

8 INkosi ithumele udaba kuSirayeli;ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.

9 Bonke ke abantu baya kuluqonda,uEfrayim nabemi baseSamariya,abo baqholosa ngendelelo, besithi:

10 “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;ngenene yona imithombe igawulwe,kodwa thina sotyala imisedare.”

11 *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,nditsho iintshaba zeentshaba zabo;ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.

12 Ngama-Aram ngasempumalanga,ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;xa zizonke zigragramela uSirayeli.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

13 Kodwa suka abantu abazisola;hayi, ababuyelanga kumohlwayi,abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.

14 Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila;uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.

15 Intloko ke ngabadala nezihandiba;wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.

16 Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;ewe, bona bayaphuphuthekiswa.

17 UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele,imilomo yabo iphuphum' ububi.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!

18 Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo,idangazel' okomlilo wehlathi,ithunquza okwentshinyela yomsi.

19 Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onkeeli lizwe liza kuvutha,umlilo udangazeliswe ngabantu,kungabikho nonak' umntakwabo.

20 Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;banqunqude ngapho, banganeli noko;ewe, boda batye noogxa babo.

21 UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,kananjalo bosuka badibane ngoJuda.Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!