Uisaya 54 XHO96

Ukuthandwa kweJerusalem

1 Danduluka utyibele, ludlolondini Jerusalem!Ewe, hlabel' ingoma umemelele kaloku,nawe, wen' ungazange wayiva inimba.Kaloku lona usizana loba ngunobantwana;loba ngaphezu kwakhe umfaz' onendoda.Ewe, *nguNdikhoyo oyithethileyo loo nto.

2 Yandise loo ndawo uhlala kuyo;sukuthandabuza, yolule nemikhusane yentente yakho;zandise iintsontelo, uzibethelele ziqine izikhonkwane.

3 Kaloku uza kunabela macalana onke;isizukulwana sakho siya kuzithimba izizwe,umhlaba ubuyele kuso,size sime kwezo zixeko zingamabhodlo.

4 Musa ukuxhala, awuyi kungena hlazweni;ungaphithizeli, awusayi kuthotywa.Ihlazo lobutsha bakho lona lolibaleka,ungabi sasikhumbula nesingcikivo sobuhlolokazi.

5 Kaloku nguMenzi wakho indoda yakho;igama lakhe ke nguNdikhoyo uSomandla.NguYedwa kaSirayeli uMkhululi wakho;kuthiwa nguThixo wehlabathi jikelele.

6 Ngoku uNdikhoyo uphinde wakubuyela,njengomfazi osel' enomvandedwa kukushiywa,nditsho umfazana owaliweyo.Kodwa ke uThixo wakho uthi:

7 “Ndakulahla okomzuzwana nje kuphela;ngoku ke ndikubuyisa sendiyimvuze-mvuze luthando.

8 Ndakufulathela ndinengqumbo okomzuzwana nje;ngoku ke ndikuthanda ngothando olungenabuyambo;ewe, ndiyavakalelwa ngenxa yakho.”Utsho ke uNdikhoyo uMkhululi wakho.

9 “Ngexesha likaNowa ndenza isifungosokungaphindi ndilintywilisele ihlabathi.Nangoku ke ndithi soze ndiphinde ndicaphuke;andiphindi ndikukhalimele ngoburhalarhume.

10 Ewe, iintaba zingadilika,ke zona iinduli zinyamalale,kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.

Ukuhlaziywa kweJerusalem

11 “Jerusalem exhwalekileyo, sixekondini siselusizini,nkedamandini engenaye nomthuthuzeli,mna ndiza kukwakha ngamatye odidi,iziseko zakho ndizizinzise ngamatye anqabileyo.

12 Iinqaba zakho ndozakha ngeerubhi,amasango ndiwakhe ngamatye abengezelayo,iindonga ndizijikeleze ngamatye anqabileyo.

13 Oonyana bakho baya kufundiswa *nguNdikhoyo,ikamva labo ndilithi jize ngenkqubela noxolo.

14 Ndokuxhasa ngobulungisa nolungelelwano;ingcinezelo sobe ibe sakuchukumisa,futhi akusayi kugrogriswa mntu konke.

15 Nabani na okuhlaselayo uchasene nam;umntu olwa nawe akasayi kuphumelela.

16 “Kaloku umtyhidi udalwe ndim lo;ubasa umlilo aze atyhide izixhobo.Kwankqu nejoni elitshabalalisayo lidalwe kwandim lo,nditsho elo lisebenzisa ezo zixhobo.

17 Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,uya kumphendula nabani na okumangalelayo.Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!