Uisaya 30 XHO96

Isivumelwano esingancediyo

1 *UNdikhoyo uthethe wenjenje:“Libhek' umoya kusapho olunenkani,abo benza izigqibo ngaphandle kwam,abenza izivumelwano ngaphandle kwam;izono zabo ziyelekelana.

2 Bona basuka babhenela eJiputa;abanaxesha lokubuzisa kum.Nto bayifunayo kukukhuselwa yiJiputa;nto bayingxameleyo liphiko lokumkani walapho.

3 Ukhuselo lweJiputa yimpoxo yodwa;nto ningayizuzayo kukuhlazeka kuphela.

4 Bona banawo amagosa eZowan,banabo noonozaku-zaku eHanes,

5 kambe ke wonk' umntu uya kuphoxekangenxa yesi sizwe singento yanto,isizwe esingenaluncedo nacebongaphandle kwamahlazo namanyondololo.”

6 Nalu ke udaba olundilisekileyo mayela nezilo zentlango yasezantsi:Oonozaku-zaku bacanda kweleembandezelo neengozi,kwilizwe abakrotywa ziingonyama,apho kuphithizel' iinyok' ezinobuhlungu,zikwalapho nezitshu zamagongqongqo.Iidonki neenkamela zabo ziyasuntsubalayimithwalo ezizipho ezixabisekileyo,ziphiwa isizwe esingento yanto.

7 Kaloku iJiputa ize, ayinaluncedo mpela;yiyo loo nto ndiyibiza ngokuthi nguRahabhi ongenamsebenzi,nditsho ikhwang' elinqunyulwe neempondo.

Isizwe esingevayo

8 UThixo wandiyalela wathi:“Krola ecwecweni, ubhale encwadini,obo ibe bubungqina obuhlala buhleli.

9 Aba ngabantu abangalawulekiyo,sisizukulwana esinenkohliso,abantu abangazimisele kuphulaphula,abayichasayo ingqeqesho *kaNdikhoyo.

10 Kubashumayeli bathi:‘Yithini cwaka ngemibono!Sanukusifundekela ngeemfanelo zethu!Sithuthuzeleni sihlale sinje;siboneleni okungamampunge.

11 Sudukani, sanukuxaba endleleni;asifuni nokuva ngoYedwa uThixo kaSirayeli.’ ”

12 Ngoko ke uYedwa kaSirayeli uthi:“Ngokuba ningaluvumanga olu daba,koko nisuke naqamela ngenkohliso nengcinezelo,

13 ngoko ke anikho lityala,nifana nqwa nodonga oluphakamileyoolunenkenkewula yethanda;ewe, sekulindeleke isithonga nanini na.

14 Losuka lupharhake ngathi yingqayi entlekeke yaba ziingcebaezingenakukha malahle eziko namanzi equleni.”

15 Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi:“Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum;amandla enu kukuzola nokuthembela kum.Phi ke, nisala nje!

16 Ndaweni yaloo nto nithi:‘Sosuka sisabe ngamahashe.’Ewe, kungaba njalo.Nithi: ‘Amahashe ethu angaphala gqitha.’Ewe, amahashe enu angaphala nakangakokodwa nofunyanwa ngabanisukelayo.

17 Iwaka losukeliswa lijoni elinye;xa ninonke niya kugxothwa ngamajoni amahlanu qha,nibaleke nisabe nibe njengendwe emi yodwa entabeni phaya,nayo ke iyeyentlaba-mkhosi.”

18 Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,usazungula ukunibabala ngesisa.Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!

UThixo wobasikelela abantu bakhe

19 Ewe, nina bemi baseJerusalem, anisayi kuphinda nilile. Kaloku *uNdikhoyo unenceba; ngoko ke nothi nakuzibika kuye asabele.

20 Nangona uMhlekazi eya kuniyekela ngamaxesha enkxwaleko, kodwa nguye ngokwakhe oya kunithundeza; niya kumqonda lowo uya kunifundisa.

21 Niya kuthi nakuphambuka abe selekhona; nimve esithi: “Yizani, nants' indlela.”

22 Ke yona loo *mifanekiso yenu niyinqulayo ityatyekwe ngesiliva, naleyo ityatyekwe ngegolide, iya *kugqwaliseka oku kwesishuba somfazi, niyithathe niyilahle kude, niyichile nithi: “EMbo-o-o!”

23 Ngexesha lokulima uNdikhoyo uya kuyivulela imvula, iphume imbewu eniyityalileyo, nezityalo zikhule zitsho ngesingayiwayo isivuno. Ngelo thuba ke neenkomo zenu ziya kudla kumadlelo abanzi ayokozelayo.

24 Ke zona iinkabi needonki enilima ngazo ziya kondliwa ngomxube wezidlo zodidi.

25 Kogqabhuka imithombo yamanzi ezintabeni nasezindulini ngaloo mini inkulu yokuhlaselwa nokuwa kweenqaba zeentshaba zenu, nazo ngokwazo zibulawe.

26 Inyanga yoqaqamba njengelanga, ke lona ilanga liqaqambe ngokuphindwe kasixhenxe, kube ngathi kubandakanywa ukukhanya kweentsuku ezisixhenxe ndawonye. Koba njalo ke mhla uNdikhoyo wawabopha amanxeba awenze kubantu bakhe, azihlambe neenduma zabo.

Ukohlwaywa kweAsiriya

27 Nango amandla nobungangamsha,*obukaNdikhoyo buthi gqi kwelikude;intshinyela yomsi idiza ingqumbo yakhe,ubebezelis' imilebe ngumsindo,ulwimi lulatyuzelis' amalangatye.

28 Umphefumlo wakhe ukhukulisa njengomlambo,ngathi ngumlamb' ozele wada watyekeza,uhluz' izizwe ngentshabalalo,uzirhintyela ngomkhala wolahlekiso.

29 Ke nina niya kuchulumacha,nintyiloze nimemelele ngathi kungobusuku bamatheko amiselweyo.Niya konwaba ngathi ningabantu abaya endlwini kaNdikhoyo,bevuma bekhatshwa ngamaxilongo:uNdikhoyo ixhadi likaSirayeli.

30 Wonke umntu uya kukuva ukuhlokoma kwelizwi likaNdikhoyo,ngokunjalo azive nezabhokhwe zengqumbo yakhe.Kuya kubakho amadangatye nogqabhuko-mafu,isichotho nezandyondyo zemvula.

31 Ilizwi likaNdikhoyo liya kumrhwaqelisa uAsiriya,intonga yakhe imkhahlele phantsi.

32 Wothi ephindelela nje uNdikhoyo ukuwohlwaya ama-Asiriyangaloo nduku yakhe yesohlwayo,babe bona abantu bakhe bentyilozabengqungqa ngamagubu neekatala,abe yena esilwa nawo.

33 Kambe ke kudala lalungiswayo labaswa iziko,iziko ekuya kutshiswa kulo ukumkani waseAsiriya.Yinzongo-nzongo yomngxuma obanzi,iinkuni zifunjwe zayintaba.Ke yena uNdikhoyo wosuka avutheleatsho ngomlambo wedangatye,unqanqaze umlilo.