Uisaya 61 XHO96

Iindaba ezimnandi zovuyo

1 Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,ndibophe abantliziyo zingamahlwili,ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,ndazise inkululeko kumabanjwa.

2 Undithume ukuba ndivakalise ndithiuthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,umhla wempindezelo yoThixo wethu.Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;

3 ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,intambiso yolonwabo endaweni yokulila,ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,ukuze baphuhlise isihomo sakhe.

4 Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,bawavumbulule namabhodlo asel' adilizwa.Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.

5 Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.

6 Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,nitsho nizingce niqhayise ngabo.

7 Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo,endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo;ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo,bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.

8 Ke yena uNdikhoyo uthi:“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,ndibenzele umnqophiso ongasoz' uthini.

9 Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,inzala yabo yaziwe naziintlanga.Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”

10 Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

11 Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.